Luloyiko olukhulu kuye namphi na umfundi owenza matric – Ndizothini ukuba andithathwanga ndawo? Ndizothini ukuba kulo nyaka uzayo bonke abahlobo bam base Univesithi, mna ndishiyekela ngasemva?
Ungaxhalabi, sizoqinisekisa ukuba loonto ayenzeki kuwe. Masikubonise ukuba njani.
Beka Ii-Univesithi Ngokwamaqela
Kufanele u applye Kwi Dyunivesithi ngokwamaqela amathathu:
- Ngokomnqweno: Kulapho ufuna ufikelela kwi nkwenkwezi, ufaka isicelo kwi-Univesithi ekunzima kakhulu ukuba ungene kuzo. Kubafundi abaninzi base Mzantsi Africa, ezi-Univesithi ibazi UCT kunye ne WITS, okanye nezinye Univesithi zaphesheya.
- Ezifikelelekayo: Ezi ngamathuba wakho okhuselekileyo kuwo- ezi ucinga ungangena kuzo. Iimfuno zabo kufanele ukuba zibengaphantsi kancinci kwezase UCT kunye ne WITS, ukwenzela ukuba ubenamathuba amaninzi wokungena khona.
- Ukubuyela kundalashe: Ezi zezi ufaka isicelo kuzo ukulungiselela xa amanqaku wakho engaphantsi kwanga ubuwalindele. Ezi kufanele ibezii -Univesithi ezona ezinemfuno zokungena eziphantsi.
Ukukhetha izifundo
I-Uunivesithi ezininzi zikuvumela ukuba ukhetha kabini izinto ofuna uzifunda. Abantu abaninzi bacinga ukuba eyona nto ingcono onokuyenza kukufaka isicelo kwizinto ezinje nge Actuarial Science, Izifundo zobugqirha
Ungayenzi lento. Ndiyaphinda. Ungayenzi lento.
Eyona njongo yakho kukungena e- Univesithi. Ukungena nje kwakho e-Univesithi kwaye wenze kakuhle, kulula kakhulu ukutshintsha izifundo.
Loonto ithetha ukuba xa ufaka isicelo, kufanele ukuba ukhetho lwakho lokuqala ibesesona sifundo sineemfuno eziphantsi (ngamaxesha amaninzi iba yi Bachelor of Social Sciences okanye I- Bachelor of Science)
Ngale ndlela ungakwazi ukuqiniseka ukuba uzongena e- Univesithi, kwaye ungakwazi utshintsha isicelo sakho emva kokuba ufumene amanqaku aphezulu.
Kuhle, kodwa ingaba ndiyenza kanjani lento??
Nasi isikhokelo sokuba zeziphi I-Univesithi ezingena phantsi kwawaphi amaqela. Sebenzisa yona ukukhetha ukuba ufaka isicelo sakho phi.
Ekunzima kakhulu ukungena kuzo
Sefako Makgato Health Sciences University
Faka isicelo sakho noba kukwi- Univesithi enye apha
Kunzima ukungena kuzo
Faka isicelo kwi- Univesithi ezintathu okanye ezine apha
Kunzima kancinci ungena kuzo
University of the Western Cape
CPUT *
*Qaphela ukuba le Univesithi inazo zombini degree kunye nee diploma, kengoku ukuba uxhalabile ukuba ungangakwazi upasa nge Bachelor, kufanele ukuba ucinge ukufaka isicelo kwi diplomas apha kwakunye needegree kwezinye ii-Univesithi.
Faka isicelo noba kukwi- Univesithi ezintathu okanye ezine apha.
TVETs
Kubalulekile ukuba ufake isicelo sakho noba kukwi TVET enye, ukulungiselela ukuba awukwazanga upasa nge Bachelor.
Ezinye I TVETs onocinga ukufaka isicelo sakho zezi:
Central Johannesburg TVET College
Okanye bona uluhlu kwe TVET Colleges e Mzantsi Afrika ukufumana ITVET ekufuphi kunawe.
Faka isicelo sakho noba kukwi TVET enye.
Ummm, ininzi lento….
Siyayazi. Kodwa ungayisebenzisa le PDF ukwenza zonke izicelo zakho.
Yigcine okanye uyiprinte, kwaye wongeze I-Univesithi nezifundo ofuna ufaka izicelo kuzo. Ngalo ndlela ungakwazi uqinisekisa ukuba ufake izicelo kuzo zonke ozinqwenelayo, onofikelela kuzo nezo onowela kuzo.
Sikunqwenelela Ithamsanqa! Siyayazi Unako.